City Vision
Share

Simandundu isimo ematyotyombeni

accreditation
0:00
play article
Subscribers can listen to this article
Amaxhoba omlilo aseKTC azama ukucoca indawo zawo.uMFANEKISO: unathi obose
Amaxhoba omlilo aseKTC azama ukucoca indawo zawo.uMFANEKISO: unathi obose

Bashiyeke bematshekile abahlali bamatyotyombe iSect 5, eKTC, emva kokuba umlilo nobukhatshwa ngumoya utshabalalise amatyotyombe angama 51, washiya abantu abali 101 bengoodingindawo.

Esi sithwakumbe sehle ngoLwesihlanu umhla wesihlanu kuTshazimpunzi.

Unobangela wesi siganeko awaziwa.

Omnye wamaxhoba uBulelwa Sitelo (onama 56) uchaze imeko abaphila phantsi kwayo nanje ngenzima kakhulu.

Ecacisa ngendlala oqale ngayo lo mlilo, nobashiye bezimpula zikalujaca, uthe uqale kanye kwihoki esemva kweyakhe.

“Uqale emva kwentsimbi yesibini emini, phofu bendikhona ndisendlini. Mna ndothuswe ngabantu ebebekhazwa besithi ‘kuyatsha’. Xa ndiphuma abe amadangatye kule hoki uqale kuyo sele ephumele ngaphandle ethungela kule yam. Akhange ndibesajika, ndiye ndakwaza abantwana ukuba baphume sabaleka,” ucacise watsho Sitelo.

Waleke ngelithi bekungekho bantu kwihoki oqale kuyo umlilo.

U-Funeka, nongumama wabantwana abathathu, uthe kunzima kulilitye akazazi ukuba uzothatha ntoni adibanise nantoni ngoba abaphangeli bonke endlini, watsho ebongoza nabani na onokwazi ukubanceda eze ngaphambili. Uthe eyona nto bayidinga ngamandla zizinto zokwakha kunye nokutya.

Uceba ka Wadi 38, nequka la ngingqi, uSuzanne Zumana uthe uwaxelele onke amasebebe esiXeko saseKapa abandakanyekayo, kuquka iSebe loKuhlaliswa koluntu kuzwe lonke kunye nombuthu wesisa iGift of the Givers ukuba ancede. Uyibethelele eyokuba umba wezindlu kulandawo awukacaci.

U-Sonica Lategan, osisithethi kwiCandelo lezeNtlekela kwisiXeko saseKapa, ukungqinile ukuba ngama 51 amatyotyombe atshileyo, nalapho kuye kwashiyeka abantu aba-101 bengenamakhaya.

Uthe nangona amanye amaxhoba omlilo sele eqalisile ukwakha amatyotyombe, uninzi lusafihle iintloko kwizihlobo nezalamane.

U-Lategan ucacise ukuba uceba wengingqi usathetha-thethana neCandelo lokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke ngenjongo zokuzama ukufumana uncedo ukuze amaxhoba akwazi ukwakha iihoki zawo.

“Siye sacela iGift of the Givers kunye Arhente ejongene nentlalontle yoluntu yase Mzantsi Afrika (iSouth African Social Security Agency ngabula makhumsha) ukuba bazame ukuncedisa ngeengubo, izinto zabantwana, ukutya njalo njalo. Ukanti icandelo lezombane kwisiXeko saseKapa liye lacima wonke umbane kule ngingqi kude kugqitywe ukucocwa,” uthethe watsho uLategan.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Will you use Amazon's newly launched SA website for your online shopping needs?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, I'm ready to fill up my cart
46% - 162 votes
No, I'm not buying into the hype
54% - 191 votes
Vote
Rand - Dollar
18.52
-0.2%
Rand - Pound
23.16
+0.3%
Rand - Euro
19.91
-0.0%
Rand - Aus dollar
12.22
+0.2%
Rand - Yen
0.12
+0.3%
Platinum
979.06
+1.3%
Palladium
975.00
-0.9%
Gold
2,313.86
-0.4%
Silver
27.25
-0.7%
Brent Crude
83.33
+0.4%
Top 40
70,790
+0.2%
All Share
76,930
+0.2%
Resource 10
61,038
-0.6%
Industrial 25
107,159
+0.1%
Financial 15
16,711
+0.7%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE