Share

Akhuthaza umanyano amarhamente aseBaptist

Ngamalungu aphuma kumabandla asixhenxe enkonzo iBaptisi yeli lo Mzantsi Afrika athe aphuma iphulo lokonyuka intaba yetafile ngomgqibelo weveki ephelileyo, kwiinzame zokumanya abantu abatsha.

La mabandla aquka elaseGugulethu, eKhayelitsha, eMfuleni, eCrossroads, eKraaifontein, Kalkfontein kunye ne Paarl.

Ngokutsho komthanjiswa uLoyiso Ndaliso, nokhokhela ibandla lase Gugulethu nongomnye wabaququzeleli beli phulo, injongo yabo ibukukuhlanganisa ulutsha lweenkonzo zabo. “Besifuna udibanisa ulutsha lwenkonzo yethu silubonise ukuba ubomi benkonzo abuphelelanga ecaweni kuphela,” utshilo uNdaliso.

Uthe bafuna ukubabonisa intsha ukuba zikhona ezinye izinto abanozibandakanya kuzo ngaphandle kwase nkonzweni.

U-Ndaliso uthe uninzi lolutsha lukubona ukunyuka intaba njengento yabantu abafuna ukuzilolonga.

“Sithe masinyuke intaba sisonke nokuba umntu unomzimba ongakanani nokuba umde okanye umfutshane,” utshilo uNdaliso.

U-Ndaliso uthe injongo ibi kukonyuka le ntaba beyimbumba bade baye kufikelela kwinkcochoyi bese yilo mbumba. Wongeze ngelithi okubalulekileyo ibe kukunikana inkxaso kude kufikwe enkcochoyini.

U-Ndaliso uluqhwabele izandla ulutsha lwale nkonzo ngokunika eli phulo inkxaso, watsho esithi beliphume ngobuninzi balo.

“Ube yimpumelelo umsitho wethu kuba uninzi lolutsha lwamabandla ethu belukhona kwaye umyalezo luwuvile,” utshilo uNdaliso.

Uthe phambi kokuba bonyuke intaba baye baluxelela ulutsha ukuba eyonanto ibalulekileyo kukusenzisana, hayi ukuba ngubani ofike kuqala enkcochoyini.

“Baye bakubona ukubaluleka kokusebenzisana nezinto eziye zifumananeke xanisenza kanjalo kunokuba umntu azenzele ezinye izinto eyedwa,” utshilo uNdaliso.

Uthe imisitho eloluhlobo yinto ababanayo minyaka le, kwaye baceba ukwenza omnye ungaphelanga lo nyaka.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Can radio hosts and media personalities be apolitical?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, impartiality is key for public trust
32% - 317 votes
No, let's be real, we all have inherent biases
68% - 662 votes
Vote
Rand - Dollar
19.19
-0.2%
Rand - Pound
23.87
-0.2%
Rand - Euro
20.44
-0.3%
Rand - Aus dollar
12.30
-0.0%
Rand - Yen
0.12
-0.2%
Platinum
937.20
-1.4%
Palladium
1,004.50
-2.4%
Gold
2,378.99
-0.0%
Silver
28.26
+0.1%
Brent Crude
87.11
-0.2%
Top 40
66,807
-0.6%
All Share
72,872
-0.6%
Resource 10
62,910
-0.6%
Industrial 25
97,899
-0.5%
Financial 15
15,424
-0.4%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE