Share

Badada emanzini abahlali base Marikana

Abahlali bendawo yamatyotyombe iMarikana eLower Crossroads babongoza iSixeko saseKapa ukuba sibancede sibakhele izindlu kwindawo ekhuselekileyo ukuze baphume ebugxwayibeni abahleli phantsi kwabo.

Esi sicelo siza emva kokuba le ndawo ithe yafunyanwa kanobomi ziimvula ezimandla kwisithuba seeveki ezimbalwa ezindulileyo. Xa kungoku abahlali bathi baxakene nobomi, kwaye abanye bade bawashiya amakhaya abo baya kuhlala nezihlobo zabo ezikwezinye iindawo.

“Sisengxakini apha, amanzi angena ngaphakathi ezindlini asikwazi kulala. Yonke nje into engaphakathi imanzi kuquka iingubo, iibhedi nekhabhathi zethu ziyonakala ngamanzi,”utshilo Nokwanda Bango onosana olunenyanga ezintlanu.

Woleke ngelithi oko imvula iqalile khange bonwabe, oko behleli nje bakhupha amanzi. Uthe ingxaki emandla boyikisela abantwana kwizifo.

“Abantwana bazakuba nemfunxane ngalamanzi, kwaye kuyabanda. Kwaye kulula nokuba bosuleleke zizifo ngoba lamanzi amdaka kwaye amile,” uthethe watsho uBango. Wongeza ngelithi into abayifunayo yindawo yokuhlala engcono.

“Siyayazi ukuba urhulumente uphantsi koxinezelelo lokwakha izindlu, kodwa ukuba angasinika nje iziza sibesihlala afake nje amanzi, umbane kunye nendlu yangasese kungangcono. Apha sihleli nje sisemngcuphekweni wokutshelwa zihoki,” uthethe watsho uBango woleka ngelithi abakwazi nokuthenga impahla zendlu ezisemgangathweni ngenxa yokoyikisela ukuba bangatsha nanini na.

Inkokheli yaseMarikana Xolani Tukwayo uchaze imeko njengemaxongo nefuna uncedo olukhawulezileyo. “Okwangoku asikafumani ncedo nakubani na. Nkqu kwa uceba akakezi apha uzovele susela oko kwanetha iimvula,” utshilo uTukwayo.

Uchaze iMarikana nje ngenye yeengingqi ezinezinga eliphezulu lobugebenga nentswela ngqesho. “Kubanzima mpela xa kunetha ngoba ezinye ingigqi kwalapha azikabinambane. Kwaye akubikho lula ukuva into eyenzekayo kwamelwane wakho nkqu naxa kukhuthuzwa umntu xa ngaba kunetha,” utshilo uTukwayo.

Uceba uMboniso Chitha wakwa wadi 35 uthe unolwazi ngamanzi angaphakathi eMarikana kodwa wayigxininisisa ukuba isixeko asikwazi ukuwatsala lamanzi ngoba akukho ndawo abanokuwagalela kuyo. “La manzi aphakathi kweehoki kwaye akukho ndlela yokuba iitruck zikamasipala zingangena kwaye akukho nendawo ezigalela amanzi (pond) apho anokutsalelwa khona,”uthethe watsho uChitha wongeza ngelithi isixeko sisacinga icebo ukuba singenza njani.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Should the Proteas pick Faf du Plessis for the T20 World Cup in West Indies and the United States in June?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes! Faf still has a lot to give ...
65% - 513 votes
No! It's time to move on ...
35% - 273 votes
Vote
Rand - Dollar
19.04
-0.1%
Rand - Pound
23.80
-0.0%
Rand - Euro
20.42
-0.0%
Rand - Aus dollar
12.42
-0.2%
Rand - Yen
0.12
+0.1%
Platinum
930.20
+0.5%
Palladium
995.00
+0.5%
Gold
2,335.16
+0.1%
Silver
27.50
+0.2%
Brent Crude
89.01
+1.1%
Top 40
68,437
-0.2%
All Share
74,329
-0.3%
Resource 10
62,119
+2.7%
Industrial 25
102,531
-1.4%
Financial 15
15,802
-0.2%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE