Abahlali bendawo yamatyotyombe iMarikana eLower Crossroads babongoza iSixeko saseKapa ukuba sibancede sibakhele izindlu kwindawo ekhuselekileyo ukuze baphume ebugxwayibeni abahleli phantsi kwabo.
Esi sicelo siza emva kokuba le ndawo ithe yafunyanwa kanobomi ziimvula ezimandla kwisithuba seeveki ezimbalwa ezindulileyo. Xa kungoku abahlali bathi baxakene nobomi, kwaye abanye bade bawashiya amakhaya abo baya kuhlala nezihlobo zabo ezikwezinye iindawo.
“Sisengxakini apha, amanzi angena ngaphakathi ezindlini asikwazi kulala. Yonke nje into engaphakathi imanzi kuquka iingubo, iibhedi nekhabhathi zethu ziyonakala ngamanzi,”utshilo Nokwanda Bango onosana olunenyanga ezintlanu.
Woleke ngelithi oko imvula iqalile khange bonwabe, oko behleli nje bakhupha amanzi. Uthe ingxaki emandla boyikisela abantwana kwizifo.
“Abantwana bazakuba nemfunxane ngalamanzi, kwaye kuyabanda. Kwaye kulula nokuba bosuleleke zizifo ngoba lamanzi amdaka kwaye amile,” uthethe watsho uBango. Wongeza ngelithi into abayifunayo yindawo yokuhlala engcono.
“Siyayazi ukuba urhulumente uphantsi koxinezelelo lokwakha izindlu, kodwa ukuba angasinika nje iziza sibesihlala afake nje amanzi, umbane kunye nendlu yangasese kungangcono. Apha sihleli nje sisemngcuphekweni wokutshelwa zihoki,” uthethe watsho uBango woleka ngelithi abakwazi nokuthenga impahla zendlu ezisemgangathweni ngenxa yokoyikisela ukuba bangatsha nanini na.
Inkokheli yaseMarikana Xolani Tukwayo uchaze imeko njengemaxongo nefuna uncedo olukhawulezileyo. “Okwangoku asikafumani ncedo nakubani na. Nkqu kwa uceba akakezi apha uzovele susela oko kwanetha iimvula,” utshilo uTukwayo.
Uchaze iMarikana nje ngenye yeengingqi ezinezinga eliphezulu lobugebenga nentswela ngqesho. “Kubanzima mpela xa kunetha ngoba ezinye ingigqi kwalapha azikabinambane. Kwaye akubikho lula ukuva into eyenzekayo kwamelwane wakho nkqu naxa kukhuthuzwa umntu xa ngaba kunetha,” utshilo uTukwayo.
Uceba uMboniso Chitha wakwa wadi 35 uthe unolwazi ngamanzi angaphakathi eMarikana kodwa wayigxininisisa ukuba isixeko asikwazi ukuwatsala lamanzi ngoba akukho ndawo abanokuwagalela kuyo. “La manzi aphakathi kweehoki kwaye akukho ndlela yokuba iitruck zikamasipala zingangena kwaye akukho nendawo ezigalela amanzi (pond) apho anokutsalelwa khona,”uthethe watsho uChitha wongeza ngelithi isixeko sisacinga icebo ukuba singenza njani.