Balugcwabevu ngumsindo abahlali base Zone 16, kwaLanga, ngenxa yenkunkuma ethe gqolo ingcolisa indawo yokudlala yabantwana.
Batyhola ngelithi isikhalo sabo sokufumana uncedo kwabase magunyeni sibuye nelize, nyathelo elo likhokelele ukubeni bawubhinqe ube mfutshane bacocele le ndawo. Uthotho lwabahlali luthe lwasabela elikhwelo ngentsasa yangeCawa, lwayishiya le ndawo ikhala umoya.
U-Caleb Kilani, wombutho iLanga Township Mountaineers, uthe baye baqaphela ukuba sekulithuba le ndawo ingcolile. “Siye sabona ukuba masingalindi umasipala masiphakame sizenzele ngokwethu,” utshilo uKilani.
Uthe nangona yena ehlala eJoe Slovo oku kungcola kuchaphazela wonke umhlali wakwaLanga.
U-Kilani uthe ziliqela iindawo ezifana nale kwa Langa, kwaye zifuna abahlali baphakame bazenzele.
Uthe abantwana abakwazi ukudlala endaweni emdaka kuba ichaphazela impilo yabo.
“Abantwana abasakwazi nokudlala apha ngenxa yobumdaka, phofu obenziwa kwangabantu kuba ngabo abalahla inkunkuma apha,” utshilo uKilani.
Uthe ukuba iindawo ezenzelwe ukuba abantwana badlale zizohlala zimdaka abantwana abazubanazo indawo zokudlala, kwaye lonto iya kuba tyhalela ekwenzeni izinto ezimbi ezifana nokutshaya iziyobisi nokuzibandakanya kulwaphulo mthetho.
Umyalezo wokubiza abahlali bakwaLanga ukuba babeyinxalenye yolu coco ubufakwe kumakhasi onxibelelwano nalapho abahlali baye babona ingumbono omhle bethembisa ngokuba bazakuba yinxalenye.
Umhlali uZolile Kasana uthe ngumbono omhle lona. Wongeze ngelithi uye wawupapasha kumakhasi onxibelelwano ukwenzela nabanye abahlali abanomdla babeyinxalenye.
Uthe zininzi indawo ezikwisimo esifana nale ndawo kwaye ucela wonke umhlali aphakame ukuze bacoce ilokishi yabo.
Kumakhasi onxibelelwano abahlali bawuncomile umsebenzi wenziwe kule indawo abanye besithi bangavuya nabo ukuba yinxalenye xa kukhona into eloluhlobo kwakhona.