Share

Baphume iphulo lokucoca abahlali

Balugcwabevu ngumsindo abahlali base Zone 16, kwaLanga, ngenxa yenkunkuma ethe gqolo ingcolisa indawo yokudlala yabantwana.

Batyhola ngelithi isikhalo sabo sokufumana uncedo kwabase magunyeni sibuye nelize, nyathelo elo likhokelele ukubeni bawubhinqe ube mfutshane bacocele le ndawo. Uthotho lwabahlali luthe lwasabela elikhwelo ngentsasa yangeCawa, lwayishiya le ndawo ikhala umoya.

U-Caleb Kilani, wombutho iLanga Township Mountaineers, uthe baye baqaphela ukuba sekulithuba le ndawo ingcolile. “Siye sabona ukuba masingalindi umasipala masiphakame sizenzele ngokwethu,” utshilo uKilani.

Uthe nangona yena ehlala eJoe Slovo oku kungcola kuchaphazela wonke umhlali wakwaLanga.

U-Kilani uthe ziliqela iindawo ezifana nale kwa Langa, kwaye zifuna abahlali baphakame bazenzele.

Uthe abantwana abakwazi ukudlala endaweni emdaka kuba ichaphazela impilo yabo.

“Abantwana abasakwazi nokudlala apha ngenxa yobumdaka, phofu obenziwa kwangabantu kuba ngabo abalahla inkunkuma apha,” utshilo uKilani.

Uthe ukuba iindawo ezenzelwe ukuba abantwana badlale zizohlala zimdaka abantwana abazubanazo indawo zokudlala, kwaye lonto iya kuba tyhalela ekwenzeni izinto ezimbi ezifana nokutshaya iziyobisi nokuzibandakanya kulwaphulo mthetho.

Umyalezo wokubiza abahlali bakwaLanga ukuba babeyinxalenye yolu coco ubufakwe kumakhasi onxibelelwano nalapho abahlali baye babona ingumbono omhle bethembisa ngokuba bazakuba yinxalenye.

Umhlali uZolile Kasana uthe ngumbono omhle lona. Wongeze ngelithi uye wawupapasha kumakhasi onxibelelwano ukwenzela nabanye abahlali abanomdla babeyinxalenye.

Uthe zininzi indawo ezikwisimo esifana nale ndawo kwaye ucela wonke umhlali aphakame ukuze bacoce ilokishi yabo.

Kumakhasi onxibelelwano abahlali bawuncomile umsebenzi wenziwe kule indawo abanye besithi bangavuya nabo ukuba yinxalenye xa kukhona into eloluhlobo kwakhona.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Should the Proteas pick Faf du Plessis for the T20 World Cup in West Indies and the United States in June?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes! Faf still has a lot to give ...
66% - 544 votes
No! It's time to move on ...
34% - 286 votes
Vote
Rand - Dollar
19.03
-0.1%
Rand - Pound
23.81
-0.0%
Rand - Euro
20.40
+0.0%
Rand - Aus dollar
12.43
-0.2%
Rand - Yen
0.12
+0.2%
Platinum
931.40
+0.6%
Palladium
995.00
+0.5%
Gold
2,335.66
+0.1%
Silver
27.58
+0.5%
Brent Crude
89.01
+1.1%
Top 40
68,437
0.0%
All Share
74,329
0.0%
Resource 10
62,119
0.0%
Industrial 25
102,531
0.0%
Financial 15
15,802
0.0%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE