Share

Huntshu, sazingca ke ngoku!

Iphephandaba lakho, iCity Vision, likwi phulo lokuphuhlisa noku khuthaza ulwimi lwesiXhosa.

Njengenxalenye yeliphulo sithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba babe yinxalenye yethu, ngokuthi bazi bandakanye ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into yethu epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Ungathumela nomqhafazo ka WhatsApp ku 083 721 7648. Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele kumnatha wethu ongu www.cityvision.co.za

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Sibongoza ababhali ukuba basiphe igama, ifani kunye nendawo umntu ahlala kuyo xa esibhalela.

Sikunye singenza umahluko omkhulu.

Ukusukela ngoku siza kuthi sipapashe isaci kunye neqhalo, rhoqo ngeveki, sicele intsingiselo kuba fundi.

Zonke impendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwiveki elandelayo rhoqo.

I Saci kunye neQhalo lale veki.

ISACI: Wophala kuhle, indawo iyehla.

IQHALO: Isilo esinamandla sesidlayo.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

UKUTHWALA INDWE: Noluthando Mahlathi-Fuku, Nyanga: Umntu onekratshi, oziphakamisileyo.

INGWE IDLA NGAMABALA: Okuhle Ngubombi, Harare: Umntu uzidla ngento anayo okanye ufumana umvuzo wento ezintle anazo.

Miseka Mahlulo, Site B: Umntu uzidla ngento anayo.

Noluthando: Umntu ubonwa ngemisebenzi yakhe emihle nangezambatho zakhe.

INYATHI IBUZWA KWABAPHAMBILI: Okuhle: Amava okanye ulwazi lubuzwa kwabadala.

Miseka: Ulwazi lubuzwa/lufumaneka kwaba ngentla kunawe.

Noluthando: Kuyinto elungileyo nebubulumko ukubuza kwabo baziyo, naba namava.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, UKUTHWALA INDWE: Kutshiwo kumntu osuke waanekratshi, wasisichi, wazifaka indwe ngokwakhe. Amathwala-ndwe ngamadoda azibaluleyo ezimfazweni. Ke umntu ozifika usiba lwendwe uziphakamisile.

INGWE IDLA NGAMABALA: Eli qhalo lithetha ukuba umntu woyisa ngemisebenzi yakhe, ubonwa nangezambatho zakhe. Kuthiwa kunzima ukuyahlula ingwe ehlosini kuba ziyelelene kakhulu, ngokugquma kwazo, uburalarume, kwa nangemibala yazo. Be kufuneka ke ukuba ziqatshelwe ngobuchule impawu zengwe, ngakumbi amabala ayo. Ulusu lwengwe lusiwa komkhulu, kwenziwe umnweba owambathwa ziinkosi nangamaphakathi. Olwehlosi lona ulusu lwenziwa izidabane. INYATHI IBUZWA KWABAPHAMBILI: Lithetha ukuba yinto elungileyo nebubulumko ukubuza kwabo baziyo, nakwabo banamava

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Do you think corruption-accused National Assembly Speaker Nosiviwe Mapisa-Nqakula will survive a motion of no confidence against her?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
No, her days are numbered
41% - 397 votes
Yes, the ANC caucus will protect her
59% - 560 votes
Vote
Rand - Dollar
18.94
-0.2%
Rand - Pound
23.91
-0.1%
Rand - Euro
20.43
+0.2%
Rand - Aus dollar
12.34
+0.1%
Rand - Yen
0.13
-0.2%
Platinum
910.50
+1.5%
Palladium
1,011.50
+1.0%
Gold
2,221.35
+1.2%
Silver
24.87
+0.9%
Brent Crude
86.09
-0.2%
Top 40
68,346
+1.0%
All Share
74,536
+0.8%
Resource 10
57,251
+2.8%
Industrial 25
103,936
+0.6%
Financial 15
16,502
-0.1%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE