Ligquba lamadoda kunye namakhwenkwe athe adibanisa iintloko kwiholo yoluntu yase New Crossroads, eNdlovini, begwadla iindlela zokukhusela abakhwetha ngethuba lolwaluko.
Ukanti beku kwahlolwa isimo sempilo samakhwenkwe azakuthi angene kwezi veki zilandelayo.
Le ndibano ibiququzelelwe ngumbutho weengcibi kunye namakhankatha kweli le Ntshona Koloni iSomagwaza, ukuzama ukuhlangabezana nemiceli-mngeni ejongana namakhwenkwe, iingcibi kunye namakhankatha ngelixesha lonyaka.
Lo mbutho usebenzisana neqela loogqirha ukuqinisekisa ukhuseleko lwamakrwala nokuthibaza ulibaziseko oluye lubekho xana amakhwenkwe esiya kuhlolwa kumaziko ezempilo ase kuhlaleni.
Abathe bawuzimasa baquka iingcibi ezaziwayo uZolile ‘Zizi’ Cagwe kunye noSikelela Zokufa.
Ukanti ngamakhwenkwe aphuma kwiilokishi ezahlukeneyo athe ahlolwa.
Eli phulo kulindeleke ukuba liqhube rhoqo ngeempeleveki kude kudlule ixesha lolwaluko.
Ukanti baliqhwabele izandla eli phulo abazali, besithi kumele libe yintlala isenzeka.
USiphamandla Quntu, uthe: “Akufani naxa usiya kwiziko le zempilo apho uzokuthatha imini yonke ulindile.”
“... Kwaye kulula ukuthetha yonke into ofuna ukuyithetha okanye no funa ukuyibuza ngoba singamadoda sonke.”
U-Quntu uthe ngamanye amaxesha kubanzima ukubika imbilini yakho kwiziko le zempilo kuba kuzele abantu ababhinqileyo.
Woleke ngelithi unqwenela ukuba nabanye abantu bangalisebenzisa eli thuba endaweni yokuba baye kumaziko ezempilo.
U-Cagwe uthe isizathu sokuba baqale eli phulo kukuqaphela ukuba inkoliso yamaziko ezempilo ayagcwala, kwaye athatha ixesha ukunceda abantu.
“Eli phulo sizakuliqhuba ukususela ngoLwezihlanu ukuyakuma ngeCawe, rhoqo ngempelaveki,” utshilo uCagwe, ekwamemelela intsebenziswano yabazali.
Ucele ukuba baxhase abantwana xa belungiselela ukuya entabeni. Wongeze ngelithi zininzi izinto eziye ziphazamisane nale nkqubo, kwaye indima yabazali ibalulekile.
Uthe kufuneka abantwana abafumana unyango bahambe neepilisi zabo xana besiye entabeni.
“Abanye abantwana uye ufumanise ukuba bayaxhuzula okanye unesifo seswekile okanye isifuba abe umzali wakhe engakhange atsho, suke agule esentabeni kubenzima ukumnceda,” ucacise watsho uCagwe.
Ukwabongoze amakhwenkwe ukuba ohlukane nokusebenzisa iziyobisi nokutsiba iziko ajongane nempilo yawo.
Ukanti uZokufa uchaze ukuphelelwa kwabakhwetha ngamanzi emzimbeni nosuleleko lwezifo njengezona zinto ziye zibeke ubomi babakhwetha esichengeni.
U Zokufa uchaze iSomagwaza njengombutho odlala indima ebaluleke kakhulu kwimibandela yolwaluko apha kweli le Ntshona Koloni.
Lo mbutho uquka amaXhosa, amaHlubi, kunye nabe siko yesiSuthu.
“Kodwa ke siyahloniphana nanjengokuba isintu sisitsho. Ingcibi okanye indoda yomXhosa yolusa amaXhosa ayiyi kwicala labeSuthu, nabo benza kanjalo abezi kwelethu icala. Kodwa sisebenzisana ngokombutho ngoba ingxaki esithi sihlangabezane nazo entabeni ziye zithande ukufana ubukhulu becala,” ucacise watsho uZokufa.