Share

Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Ukuqinisa imihlathi?

ISACI: Ukuvuza izinkcwe?

IQHALO: Umlomo awunasiziba?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukuhlekwa ziintaka:

Lulutho “Dlova” Mbinda; Makhaza: Ukuhlekwa ziintaka kukuhlekwa ngumntu wonke ube usengxakini.

Anelisa Beja; Nyanga East: Kukwenza into engeyiyo.

Phiwe Jakuja; Nyanga East: Ukungapumeleli kulonto ubuyenza.

Luvo Marwanqana; SiteB: Ukuhlazeka esidlangalaleni, ngenxa yezenzo zakho.

Nonkqubela Duda; Philippi: Umntu owaziwa ngezinto ezimbi kungafunwa, noba eze emizini.

Zwelinzima Tyhaliti; Harare: Kutshiwo kumntu oyintlekisa, umntu ohlekwa ngabantu bonke ngokokude anga-angahlekwa naziintaka ezi imbala.

Buyiswa Magqaza; Harare: Xa kuhlekiswa ngawe ude uhlekwe nangabantu abangaqhelanga kuhleka.

Sibongile Tshukula; Gugulethu: Xa usengxakini be ngathi wonke umntu uyayibona imeko okuyo.

Yakhanani Xeketwana; Harare: Ukuhlekwa ziintaka kuthetha ukuphoxeka.

Lusanda Mpange; Philippi: Ukwenza into ezintloni.

Zoleka Njoli; Site B: Kukuba nesithukuthezi,ube lilolo.

Nomthandazo Gungqa; Crossroads: Kutshiwo xa uswele ungenanto uthi yo ndihlekwa nazintaka kuba andinanto.

Nomathemba Tabata; Site B: Kuxa kuhlekiswa ngawe ngumntu wonke.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Ngumntu osokola kakhulu athi xana kukudala ezama athi nokuba ndihlekwa nazintaka kunini ndisehla ndisenyuka.

Siyolise Dyani; Mandela Park: Kukuphoxakala.

. Inkal’ ixinge etyeni:

Anelisa: Ukuzifaka engxakini ongenako ukuzikhuphakuyo.

Phiwe: Xa usiva kunzima.

Nonkqubela: Xa usenza into engade iphumelele kuthiwa inkal’ ixinge etyeni.

Ncamile Xhamntwana; Makhaza: Kutshiwo xa kunzima ukufumana isisombululo.

Zwelinzima: Yingxubakaxaka akufumaneki sisombulo kwinyewe esukuba igwadlwa.

Buyiswa: Ingxaki ongakwazi phumela kuyo.

Sibongile: Ukuzifaka engxakini ongenakuzikhupha kuyo.

Yakhanani: Kukungxamela ukwenza into iphinde ikuxake.

Lusanda: Ukuba sengxakini ongasoze uphume kuyo.

Zoleka: Kukuba sengxakini ekunzima ukuzikhupha kuyo.

Nomthandazo: Yingxaki engakwazi usombululeka uthi hayi ke ngoku inkal inxinge etyeni.

Nomathemba: Kukuxakwa yinto engaphumeleliyo.

Zukiswa: Kukuphela kwethemba ungazazi mawuqale ngeyiphi.

Siyolise: Kukuxakana nento.

. Ikhuba lithengwa ngokubonwa:

Anelisa: Umntu ufuna into kuba eyibona.

Phiwe: Ukuze wonele yinto xa uzakuyitenga inga ungayibona ngeliso le nyama.

Ncamile: Kulungile ukuba uzibonele ungeva ngoku xelelwa.

Zwelinzima: Apha kubhekiswa kumntu othi azame ngazo zonke iindlela ukuba loo nto asukuba efuna ukuthi loo nto ayenzayo ibonwe futhi ihandwe ngabanye abantu ngokuthi ayenze elubala.

Sibongile: Into entle ibonwa emntwini.

Yakhanani: Ithetha ukuba kukubona into emva koko uyenze.

Lusanda: Into uyithenga ngokuyijonga.

Zoleka: Kukuba nomdla wento ngokuyibona.

Nomathemba: Ukuqhayisa ngento onayo.

Zukiswa: Kuthethwa ngomntu oveza umzimba ngaphandle athi wakukhuzwa athi lithengwangobonwa.

Siyolise: Ezinye izinto uzenza ungazicebanga.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Ukuhlekwa ziintaka: Kubhekiswa kumntu olilolo ofana nesikhova. Kaloku isikhova sisoloko sihlekw zezinye intaka. Kubhekiswa nakubantu ababhujelweyo, baze bangahambi phakathi kwabanye abantu, nabo bangahanjelwa kuba bengekakhutshwa ehlathini.

Inkal’ ixinge etyeni: Kuxa umntu angene engxakini ekunzima ukuzikhupha kuyo.

Ikhuba lithengwa ngokubonwa: Wonke umntu unga angazibonela into, angevi ngokuviswa. Kunjalo ngakumbi kwaXhosa, kuba wohamba umhlaba, enga loo nto ayifunayo angayibona, akholwe yiyo phambi kokuba ayithabathe. Abantu bayalahlekelwa kwezi mini ngokuthenga nge posi izinto abangazibonanga, zize zifike kubo zingeyyiyo laa nto bekuthiwe ziyiyo.

Amagama eveki edlulileyo:

Isele:

Anelisa: Inyoka nesele; ngabantu abangavaniyo.

Phiwe: Inyoka nesele.

Nomaphelo Mabutya; Phillipi: Inyoka nesele; abantu abangavaniyo.

Ncamile: Inyoka nesele; abantu okanye izinto ezizi ntshaba.

Zwelinzima: Ukuba lisele; kubhekiswa kumntu omile kakubi kangangokuba akanakufaniswa nanto emhlabeni ngaphandle kwesele.

Buyiswa: Inyoka nesele; abantu abangevaniyo kude babulalane

Zoleka: Umdudo wamasele; isisiphithiphithi sento engenamkhondo.

Nontuthuzelo Solani; Gugulethu: Isele lixoxo ngelinye igama; Ixoxo nexoxo liyazigxumeka...Sukube kubhekiswe kubantu abazinyhala entweni okanye kulonto bazinyhala kuyo, kuthiwe ixoxo nexoxo liyazigxumeka.

Nomthandazo: Isele; xa into ingalungi kuthiwe hayi le into inesele.

Nomathemba: Umdudo wamasele; xa abantu besenza into engafaniyo.

Umvundla:

Anelisa: Umvundla uzekindlela; lufuzo.

Phiwe: ukuvundla.

Nomaphelo: Umvundl’uzekindlela; ukufuza ngokugqithisileyo.

Nonkqubela: Umvundla uzek’ indlela ngumntwana ofana notata wakhe, enzeyonkinto eyenziwa nguyise.

Ncamile: Umvundla uzek’indlela; ukufana twatse, ncam.

Zwelinzima: Umvundl’uzek’indlela; ngumntu osekhondweni labadala ngofuzo nangazo zonke izinto athi azenze.

Buyiswa: Umvundla uzek indlela; izinto ezifanayo ngakumbi abantu.

Ntuthuzelo: Umvundla uzek’indlela; sukube kubhekisele kumhambi omgama ngeenyawo.

Zoleka: Umvundla uzekindlela; umntwana ofuze omnye wabazali bakhe ngokwenza izinto.

Nomthandazo: Umvundla uzeki indlela; yo guys ithini inkcazelo? Funeka uphinde apho usuka khona.

Nomathemba: Umvundla uzekindlela; xa usenza into oyiboneleyo kumzali wakho.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Izinyo?

Umlomo?

Sithi Huntshu kuni nonke, ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Should the Proteas pick Faf du Plessis for the T20 World Cup in West Indies and the United States in June?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes! Faf still has a lot to give ...
67% - 869 votes
No! It's time to move on ...
33% - 425 votes
Vote
Rand - Dollar
18.85
+0.9%
Rand - Pound
23.59
+0.9%
Rand - Euro
20.20
+1.0%
Rand - Aus dollar
12.32
+0.7%
Rand - Yen
0.12
+1.7%
Platinum
928.90
+0.4%
Palladium
979.00
-1.2%
Gold
2,342.94
+0.5%
Silver
27.54
+0.4%
Brent Crude
89.01
+1.1%
Top 40
69,240
+1.2%
All Share
75,189
+1.2%
Resource 10
63,032
+1.5%
Industrial 25
103,610
+1.1%
Financial 15
15,975
+1.1%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE