Lucela amancedo, inkxaso karhulumente kunye neyoosomashishini usapho lakwa Zakhe kwingingqi yamatyotyombe iNeva-Neva, eLower Crossroads.
Olu sapho, nokuminyaka luhlala kule ndawo, luthi luphelelwe ngamatyholo kungako lugqibe kwelokuba luphume elubala ngengxaki yalo yomntwana ominyaka ingama 21 nokhubazekileyo, u-Onke.
Lukhala ngelithi le meko yenza isimo sibe maxongo ngenxa yokuba alikwazi nokunyakaza.
Umama walendoda, nekhangeleka okomntwana ongaphantsi kweminyaka emihlanu, uNosasima Zakhe uthi impilo inzima kunye njengoko kufuneka ejamelene nalo mntwana imini nobusuku. Inkxalabo yakhe yeyokuba bahlala kwindawo yamatyotyombe, kwaye imililo ayonto inqabileyo kulengingqi. Uthi unqwenele nje ukufumana indawo engcono yokuhlala khona ukuze impilo yabo ikhuseleke.
U-Nosisama uthi unyana wakhe wazalwa ngomnyaka ka 1998 waze wagula xa eza kugqiba unyaka. “Akazange waphinda walunga,” utsho.
Oku kwenzeka ngethuba esebenza ezifama ePorterville. Kungoku nje lo mntwana akakwazi kuhamba, kuthetha nakuhlala nkqu kwa ukutya uyatyiswa. Woleke ngelithi uhlala ngalo lonke ixesha eshutyelisiwe kwaye ukutya akutyayo koku kwabantwana abancinci.
“Akakwazi ukutya ukutya okuqinileyo. Xa ehleli kufuneka umgade umane umguqula ngoba akakwazi ukuziguqukela,” uthethe watsho.
Uthe eyona nto imandla ayinqwenelayo yindawo yokuhlala engcono kwaye nekhuselekileyo ngoba la matyotyombe bahleli kuwo awakhuselekanga.