Share

Izaci nama Qhalo

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Ukudibanisa iintloko.

ISACI: Ukuwa ngeendololwane.

IQHALO: Isithuko asibeki siphako.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Yalala inkomo isengwa:

Yanga Simunye Luzipho, Kuyasa: Aphelile amathemba.Yingxaki.

Mavis Nkata, Khayelitsha: Ukuphoxakala kwinto ubunethemba layo.

Xoliswa Mantyi, Makhaya: Ukuphelelwa lithemba.

Buyiswa Magqaza, Harare : Aphelile amathemba.

Siyolise Dyani, Mandela Park: Ithetha ukuthi kunyembelekile.

Mfuneko Bonase, Marcus Garvey: Kukuphelelwa lithemba kwinto oyenza ngenjongo zofumana ize ingaphumeleli.

. Inkomo yenqoma yintsengw’ebheka:

Yanga: Into oyibolekiweyo yiphathe kakuhle.

Miseka, Site B: Into xa uyibolekile yibuyise ayoyakho.

Mavis: Kudala umntu ongenamfuyo ebenqonywa ngenkomo ukuba akhe abe ekhaba ikati eziko. Le nkomo akayiphiwa uyabolekwa. Umntu wayo angafika uyisenga ayithathe.

Xoliswa: Lisebenzise elixesha unalo.

Buyiswa: Sukuthembela ngento yomnye umntu.

. Nocweth’uzibon’ubukhulu:

Yanga: Ikhangeleka incinci kodwa ibalulekile.

Mavis: Noyena mntu ungenabungozi uzibona ubukhulu

Xoliswa: Nabani na umkhulu endaweni yakhe.

Buyiswa: Wonke umntu uzenza bhetele, omdala nomncinci.

Siyolise: Wonke umntu mkhulu endaweni yakhe.

Mfuneko: Kuthetha ukuthi sukuzidelela ngobuwena nangesiqu.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zeveki edlulileyo:

Yalala inkomo isengwa: Oku kuthetha ukwenza into engaqhelekileyo, okanye ukwenza into engekho sikweni namthethweni, ngokwa kwantu.

Inkomo yenqoma yintsengw’ebheka: Kuthethwa ukuba umntu onqonywe okanye obolekwa into akonwabi kuya phi, kuba engazi ukuba yophuthunywa nini na; kungoko athi esenga nje abe ebheka-bheka hlazibe ize kuphuthunywa. Utsho umntu xa ethetha ngento engeyoyakhe.

Nocweth’uzibon’ubukhulu: Ucwethe sisilwanayana esincinanana kakhulu.

Kodwa ke naye uyazitsho. Nomntu olihlwempu uzifanisa nesityebi, uzibona ubunto.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Should the Proteas pick Faf du Plessis for the T20 World Cup in West Indies and the United States in June?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes! Faf still has a lot to give ...
67% - 961 votes
No! It's time to move on ...
33% - 466 votes
Vote
Rand - Dollar
18.76
+1.4%
Rand - Pound
23.43
+0.3%
Rand - Euro
20.08
+0.2%
Rand - Aus dollar
12.25
+0.3%
Rand - Yen
0.12
+0.2%
Platinum
924.10
-0.0%
Palladium
959.00
+0.1%
Gold
2,337.68
0.0%
Silver
27.19
-0.0%
Brent Crude
89.50
+0.6%
Top 40
69,358
+1.3%
All Share
75,371
+1.4%
Resource 10
62,363
+0.4%
Industrial 25
103,903
+1.3%
Financial 15
16,161
+2.2%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE