U-Nosisana nonabantwana abathathu akaphangeli, kwaye umyeni wakhe wasweleka ngethuba ekhulelwe.
Uhambise wathi kubanzima kakhulu xa kufuneka ese lo mntwana kwiziko lezempilo eCrossroads ngoba kufuneka ambeleke. “Andinayo imali yokuqesha imoto. Ngoku qho ndisiya eCrossroads kufuneka ndiyokhwela izithuthi zikawonke-wonke. Akanaso nesitulo esinamavili apho ngendimqhuba nangaso. Lonke ixesha uhlala endlini,” ucacise watsho.
Waleke ngelithi baphila ngemali yesibonelelo salo mntwana. Uqhube wathi kubanzima kakhulu xa kunetha ngoba nehoki yakhe ineqabaza.
Oyikomiti yokuhlala uNowethu Sawutana uthe bacela urhulumente angenelele amakhele nokuba yindlu yethutyana ukwenzela ukuba aphume kulamatyotyombe.
“Impilo yasematyotyombeni ayintlanga ingakumbi xa unomntwana okhubazekileyo endlini. Noba kungatsha angasengxakini ngoba angalimala,” utshilo uSawutana.
Ugqirha Douglas Newman-Valentine, n oyintloko kwi ofisi kamphathiswa wezempilo ephondweni uNomafrench Mbombo, uthe beli sebe bazakuyilandelela bancedise apho bakwazi khona.
U-Malusi Booi, olilunge lekomiti yesigqeba kasodolophu ejongene nezindlu, uthe uyavela nosapho lwakaZakhe, kodwa besiSixeko abakwazi ukuphinda banike umntu obesele eyifume indlu.