Share

Masizingce ngesi Xhosa sethu

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Ungenwe liphela endlebeni.

ISACI: Iphela lingene emasini.

IQHALO: Inkqayi ingena ngentlontlo.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukudibanisa iintloko:

Zoleka Njoli, Site B: Kukuthetha-thethana.

Phelokazi Mazabelana, Litha Park: Ludliwano ndlebe.

Mavis Nkata, Khayelitsha: Ukuba nentlanganiso okanye ukuhlalela umcimbi othile.

Nothemba, Site B: Kuxa kudibene umhlangano kuxoxwa ngento efuna ukusonjululwa.

Sabelo kaNdzuzo, eXesi: Kuxa ninomhlangano ningamathile kwelo khaya, kukho umba othile.

Mfuneko Bonase, Marcus Garvey: Libhunga elo, xa amatile adibene ngalonto ayixoxayo adibanise intloko. Yi meeting in English.

Sindy Sipika, Litha Park: Ukugqugul, ukubhunga okanye ukuthetha-thethana.

. Ukuwa ngeendololwane:

Zoleka: Kuthetha ukuthandaza.

Phelokazi: Ukuva ubuhlungu.

Mavis: Ukuthandaza.

Sabelo: Ukuwa kabuhlungu ubetheke.

Sindy: Ukuguqa phantsi umntu athandaze.

. Isithuko asibeki siphako:

Mavis: Isiphako ngumbala okanye ichaphaza. Yinto adalwe nayo. Xa uthe wathukwa akushiyeki unabala asiyonto uyakubonwa ngayo ngabantu.

Sabelo: Xa uthukiwe akushiyeki mbhalo.

Mfuneko:Kuthetha nokuba ungamthuka umntu isituko soze sihlale okanye simncamathele tuu.

Sindy: Ukuthuka umntu nokuthetha ngaye kakubi akusiguquli isimilo sakhe, okanye akumenzi ukuba abe yiloo nto athukwa ngayo.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi umnumzana E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci namaqhalo eveki edlulileyo:

Ukudibanisa iintloko: Oku kuthetha, ukugqugula, ibhunga okanye ukuthetha-thethana.

Ukuwa ngeendololwane: Kuthethwa ukuba umntu aguqe phantsi athandaze.

Isithuko asibeki siphako: Ukuthuka umntu nokuthetha ngaye kakubi akusiguquli isimo sakhe; okanye akumenzi ukuba abe yiloo nto athukwa ngayo .

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Can radio hosts and media personalities be apolitical?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, impartiality is key for public trust
33% - 345 votes
No, let's be real, we all have inherent biases
67% - 704 votes
Vote
Rand - Dollar
19.17
-0.0%
Rand - Pound
23.86
-0.2%
Rand - Euro
20.45
-0.3%
Rand - Aus dollar
12.31
-0.1%
Rand - Yen
0.12
-0.1%
Platinum
937.90
-1.3%
Palladium
1,010.50
-1.9%
Gold
2,382.21
+0.1%
Silver
28.33
+0.4%
Brent Crude
87.11
-0.2%
Top 40
67,024
-0.3%
All Share
73,083
-0.3%
Resource 10
63,108
-0.3%
Industrial 25
98,200
-0.2%
Financial 15
15,454
-0.2%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE