Share

Mxhosa zingce ngolwimi lwakho

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Igqabi likalonji.

ISACI: Ukuba ligqabi.

IQHALO: Elokufa alityeli.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zomhla wama 20 kweYomnga:

. Umdudo woononkala:

Zuki Mdunyelwa, Harare: Yinto ewilizelayo engenamkhondo.

Vuyiseko Ndabeni, Site B: Isiphithi-phithi okanye ukungevani.

Zoleka Njoli, Site B: Kulapho kunganqandwa mntu (sisiphithiphithi).

. Inkal’ixinge etyeni:

Zuki: Kubasengxakini ungazazi ungaphumela njani.

Vuyiseko: Ukungena engxakini ongakwazi ukuphuma kuyo.

Zoleka: Kuxa umtu esengxakini engakwazi kuphumela ngaphaya.

. Akulahlwa mbeleko ngakufelwa:

Zuki: Akunakuthi ngemeko ekwehlele namhlanje uzibone sele uphelelwe bubomi; thatha msinyane, yonke into uyifumana lula.

Vuyiseko: Musa ukuyi ncama into kuba ungayi fumenanga; zingisa ude uyifumane.

Zoleka: Ithetha ukuthi noba izinto zingakuhambeli kakuhle, musa ukunikezela; zama.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo sibuzisa ngawo:

Umdudo woononkala: Esi saci sibhekisa kwimeko esi siphithi-phithi, nokuba kusentlanganisweni, wonke umntu ethetha ngaxeshanye, kungekho kundiliseka.

Inkal’ixinge etyeni: Kuxa umntu engene engxakini ekunzima ukuzikhupha kuyo.

Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Liqhalo elithetha ekubeni athi umntu ofelweyo ngabantwana, kubonakale ukuba uyancama ukuthi woze abuye abe nomnye. Yindlela yokukhuthaza ukuba umntu makangancami kuloo nto ayenzayo.

Amagama omhla wama 20 ku Disemba:

Impumlo:

Vuyiseko: Ukuvuma ngempumlo. Ukuvuma ungavumi.

Zoleka: Ukuthwala impumlo: Kukuba nekratshi.

Unyawo:

Vuyiseko: Unyawo lwemfene. Into efihlakeleyo engaqondakaliyo.

Zoleka: Unyawo alunampumlo. Ithetha ukuthi musa ukumphatha kakubi umntu kuba ungamazi usaya kuphambukela kwakhe.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Indlela?

Umlomo?

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Can radio hosts and media personalities be apolitical?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, impartiality is key for public trust
32% - 412 votes
No, let's be real, we all have inherent biases
68% - 867 votes
Vote
Rand - Dollar
19.08
+0.4%
Rand - Pound
23.61
+0.9%
Rand - Euro
20.33
+0.3%
Rand - Aus dollar
12.25
+0.4%
Rand - Yen
0.12
+0.4%
Platinum
943.10
-0.8%
Palladium
1,030.50
+0.1%
Gold
2,388.47
+0.4%
Silver
28.68
+1.6%
Brent-ruolie
87.11
-0.2%
Top 40
67,314
+0.2%
All Share
73,364
+0.1%
Resource 10
63,285
-0.0%
Industrial 25
98,701
+0.3%
Financial 15
15,499
+0.1%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE