Share

Sithi huntshu kubafundi bethu

Ngabafundi abahlanu be City Vision abathe bawongwa ngenkxaso yabo kwiphulo lethu lesiXhosa.

Esi sihlanu sithe sabonisa intembeko nenkxaso kususela ukumiselwa kweli phulo kunyaka ophelileyo, ngokuthi sithi gqolo siphendula imibuzo yezaci namaqhalo.

Umhleli wephephandaba uThulani Magazi uthi injongo yeliphulo kukubuyisa nokuqaqambisa ulwimi lwesiXhosa.

“IsiXhosa sesinye zeelwimi ezityebe kakhulu, kwaye sintsokothile. Yinto ekumele siziqhenye ngayo, yiyo lonto sithe gqolo ngeliphulo, kwaye liyasibonisa ukuba baninzi abantu abazidlayo ngolwimi lwabo.” utshilo esothulelwa umqwazi bonke abathe bawongwa.

Ukanti ukwaqhwabele izandla bonke abafundi abathe gqolo benikezela ngenkxaso kweli phulo. “Kwezinyanga zidlulileyo sibone ukukhula okungummangaliso kweli phulo, ntoleyo isenza sibe nelunda. Sithi huntshu, ningadinwa,” utshilo.

Ukanti abayivali imilomo abafundi abathe baxhamla.

U-Buyiswa Magqaza, waseHarare, uhlomle wenjenge: “Into esikhuthazayo ukuba sisithande isiXhosa sityebile, lulwimi esalincanca ebeleni. Mve umXhosa xa athi ‘zingasuzelana zityebile’. Thina sisa abantwana bethu uba bayofunda isilungu de umntwana angakwazi nobulisa ngesiNguni masizingce maXhosa.”

Ukanti yena uZukiswa Mdunyelwa, waseMakhaza, uyiqhwabele izandla iCity Vision: “Bantu baseKapa ndicela simsele iliso uCity Vision ngakumbi ulutsha. U-City Vision akapheleli ukukhangela nje indaba kuphela, unayo nenkxaso ebantwini,” utshilo.

Omnye umfundi uNomathemba Tabata, wase Site B, uthe umnceda kakhulu umhlathi wamaqhalo ne zaci kuba athi ancede abazukulwana bakhe kwaye anceda naye buqu. “Ndiyakuthanda ukufunda ingakumbi incwadi zesiXhosa. Lo mhlathi usikhuthaza kakhulu ukuba ulwimi lwethu silwazi,” utshilo.

Ukanti yena uZoleka Njoli, wase Site B, uthe lo mhlathi uluncedo ekuphuhliseni nasekukhuthazeni ulwimi lwesiXhosa: “Lo mhlathi ubaluleke kakhulu kum nanjengamXhosa. Amaphephandaba awayebhala ngesintu asilahla isintu abhenela kwelasemzini kuloko ndisoloko ndihlomla,” utshilo.

U-Anelisa Beja, wase Nyanga, uthe ufunda lukhulu kwi City Vision, waqhwabela iphulo lesiXhosa izandla. “Kweli phulo lesiXhosa ndithanda imfundiso yezaci namaqhalo kwaye inikisa umdla, ndifunda lukhulu ngoyendibhala ndibone impazamo zam ndilungise apho ndisilela khona,” utshilo. “Ndingathi nditsalwa kuba ndibona uninzi lwethu thina bantu batsha isiXhosa siye singasithatheli ngqalelo kanti lulwimi lwethu lwenkobe kumele ukuba sigcobe xasibona liphuhliswa ukuze nabalandela emveni kwethu bazeke mzekweni,” utyatyadule watsho.V Funda lukhulu kwikhasi lesibini.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Do airplane mishaps have any effect on which airline you book your flights with?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
No, these things happen. I pick based on price
49% - 504 votes
Yes, my safety matters. I don't take any chances
51% - 524 votes
Vote
Rand - Dollar
19.11
+0.4%
Rand - Pound
23.80
-0.4%
Rand - Euro
20.46
-0.0%
Rand - Aus dollar
12.40
-0.2%
Rand - Yen
0.12
+0.4%
Platinum
920.40
-1.1%
Palladium
1,026.50
+1.1%
Gold
2,322.61
-0.2%
Silver
27.34
+0.6%
Brent Crude
87.00
-0.3%
Top 40
68,051
+0.8%
All Share
74,011
+0.6%
Resource 10
59,613
-2.2%
Industrial 25
102,806
+1.7%
Financial 15
15,897
+1.8%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE