UDan Plato, nongu Sodolophu omtsha weSi xeko saseKapa, umemelele umanyano, wathembisa nangotshintsho, ngethuba esamnkela ukutyujwa kwakhe ngokusesikweni kwiBhunga lika masipala ngoLwesibini.
UPlato, nobefudula elilungu lesigqeba esijongene nokhuseleko loluntu kurhulumente wephondo, ubuyela kwesi sikhundla kwisithuba seminyaka esixhenxe emva kokulahla phantsi ukuze angene kurhulumente wephondo.
NgoMvulo uPlato uye wamiselwa njengoceba webhunga, ukuze athabathe imikhala yolawulo kwiSixeko, emveni koku shiya phantsi kuka Patricia De Lille, kwiveki ephelileyo.
Ukushiya kuka De Lille kulandela iinyanga zokruthakruthwano nobudlelwane obumuncu phakathi kuka De Lille, neqela lakhe lezo politiko iDemocratic Alliance.
Ethetha emva kokuthabatha imikhala, uPlato umemelele ubumbano kwizigaba ezahlukeneyo zika rhulumente noluntu, ukuze kuvulwe amathuba engqesho kwabo bawadingayo.
Uthe uza kusebenza ubusuku nemini ukuzisa utyalo nohlumo kuqoqosho lwephondo.
Noxa kunjalo uthe undoqo kukuva izimvo zoluntu kuqala.
“Ndifuna ukuzivela tanci ebantwini bale dololophu ukuba yintoni eyona nto bayifunayo, kwaye yeyiphi eyona miceli- mngeni abajongene nayo,” utshilo ethetha ngolwimi lwasemzini.
Ngokwengxelo ka masipala yakutshanje, lehlile izinqa lamanzi kumadami ephondo ngenxa yengqatsini yelanga kunye nokusentyenziswa okuthe xaxe kwamanzi ephondweni. Ukwavakalise inkxalabo ngokunqongophala kwamapolisa ephondweni,