Share

Wonwabisa abantu abadala uceba

Bezixhelelw’ exhukwana iingwevu nengwevukazi ezingama 90 ezisuka eKuyasa, Endlovini nase Tafelsig ngethuba u ceba wakwa wadi 99 uBongani Ngcani ebapha iingubo kunye nezinto ezisiwa phantsi kwempumlo ngoLwesibini eKhayelitsha.

U-Ngcani uthe wanikeza ngezi zipho kumsitho obubanjelwe kwiholo yoluntu iThusong ngelithi ufuna bafudumale abantu abadala kwiingqele zobusika.

Umakhulu uNozuko Dyalvan (60), wase Ndlovini, uthe intle lento bayenzelwa nguceba kwaye iyabonwabisa.

“Siyayithanda lento siyenzelwa apha namhlanje kuba njengabantu abadala kuninzi okusehlelayo ezindlini zethu nokungasonwabisiyo,” utshilo uDyalvan.

Uthe impilo yoninzi lwabo ayikho kwisimo esihle, kwaye iindawo abahlala kuzo zinegalelo.

“Ibingase sakhelwe izindlu kuba sesingenampilo intle nje kungenxa yendawo esihlala kuzo inkonzo ezininzi asinazo,” utshilo.

Inkonde uEdgar Sikweza (81), wase Tafelsig, uthe uyavuya kakhulu ukubona ukuba bakhona abantu abaye babakhumbule nanje ngabantu abadala.

Uthe uninzi lwabo aluthathi ntweni ngoko ke ingubo ezi baziphiwayo zizakubanceda bahlale befudumele kobu busika.

“Ezi ngubo zizakusinceda kakhulu kuba abanye bethu asinazo kwaye side saba sifumana nento eya phantsi kwempumlo lonto iyasonwabisa kakhulu,” utshilo uSikweza.

Waleke ngawathi ngumnqweno wakhe ukuba uceba wabo aqhube esenza ngoluhlobo ukwenzela bona bantu badala bazibone bebalulekile eluntwini.

U-Ngcani uthe kuba kuqala ubusika yena nequmrhu lakhe baye bahlala phantsi badlana indlebe ngabanokwenza ukukhawulelana nemiceli mngeni ejongene nabanye babantu abadala.

Uthe baye baceba ukuba bahlale nabantu abadala bazoku phalaza imbilini zabo ngendlela abaphetheke ngazo ekuhlaleni.

U-Ngcani the uye wachitha isizumbulu seemali engange R50 000 kwingxowa yeofisi yakhe ukuze abe uyakwazi ukuthenga ezi ngubo aphinde enze nesi sidlo sasemini.

U – Ngcani uthe yinto abayenza minyaka le kwi ofisi yakhe ukuqinisekisa ukuba abantu abadala abaziboni benga hoyekanga.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
Do airplane mishaps have any effect on which airline you book your flights with?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
No, these things happen. I pick based on price
48% - 1036 votes
Yes, my safety matters. I don't take any chances
52% - 1109 votes
Vote
Rand - Dollar
19.22
-0.0%
Rand - Pound
23.96
-0.0%
Rand - Euro
20.58
-0.1%
Rand - Aus dollar
12.50
-0.1%
Rand - Yen
0.12
+0.1%
Platinum
910.30
-0.2%
Palladium
997.50
-0.8%
Gold
2,314.26
-0.1%
Silver
27.09
-0.3%
Brent-ruolie
88.02
-0.5%
Top 40
68,573
+0.8%
All Share
74,514
+0.7%
Resource 10
60,444
+1.4%
Industrial 25
104,013
+1.2%
Financial 15
15,836
-0.4%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE