City Vision
Share

Masithetheni bahlali

accreditation
0:00
play article
Subscribers can listen to this article

Uchuku! Yintoni uchuku? Amaxesha amaninzi abantu bazifumana betyholwa ngokuba nochuku. Nam ndingomnye wabo. Kodwa ke lonto ayindihluphi nakancinci. Nayo nayiphi into ethethwa ngomnye umntu ngam ingena ngapha iphume ngapha, ngoba luluvo lwakhe, kwaye andikwazi kulutshintsha.

Kutshanje ndimamele ngomdla ingxoxo phakathi kwabahlobo ababini, bekhalaza ngomntu onochuku. Emva kokumamela ixesha elidana, ndithe gxuphu okwempukane etini ndabuza, yintoni etyhulu xa emntu esithi akavumelani okanye akayithandi indlela owenza ngayo izinto. “Hayi awumazi wena la mfo, yho unochuku. Ukhalaza oko,” yabuya isitsho impendulo.

Ndavalelisa ngelithi hayi noko ntozakuthi ingathi nimdlela indlala lo mfo. Xa into ingesiyiyo ayiyo ke. Akukho mntu unelungelo lokungena endaweni yam afike afune ukwenza unothanda alindele ukuba mandithule.

Ukuba umthetho wakwam uthi ngena uhlale phantsi okanye musa ukutya umile, andiqondi ukuba yingxaki leyo.

Eyona ngxaki kukuba abantu bathanda ukwenza izinto ngendlela ethandwa ngabo. Wamosha nje wabuza ukuba kutheni sele ungumntu ombi okanye onochuku. Xa ulundwendwe kulandlu yakuthi kumele ndikwamnkele ngezandla ezishushu, kodwa lonto ayithi yenza unothanda. Unelungelo lokubuza xa ungaqondi, khona ukuze sihlale ngoxolo. Kwaye ukuba into asiyiyo ayizujika ibeyiyo kuba inguwe. Hlonipha imithetho yakwam nendlela endenza ngayo izinto, nam ndihloniphe eyakwakho, asoze kubekho ngxaki.

Owona mngeni sijamelene nawo ngowokuba umntu nomntu unendlela yakhe yokwenza izinto. Kuthi ke xa kungenziwa ngohlobo lwakhe angakholwa. Kuthi ekungakholweni kwakhe akubone njengomntu onochuku xa uvakalisa ukunganeliseki kwakho. Manintsi amaxesha apho siye sityholwe ngochuku kuba abantu befuna ukuba kwenziwe izinto ngohlobo lwabo. Ndiqinisekile ukuba ayikho into eluchuku, ntonje sisokoliswa ngabantu abafuna ukwenza unothanda ngamaxesha onke okanye ezindaweni zabanye abantu.

We live in a world where facts and fiction get blurred
Who we choose to trust can have a profound impact on our lives. Join thousands of devoted South Africans who look to News24 to bring them news they can trust every day. As we celebrate 25 years, become a News24 subscriber as we strive to keep you informed, inspired and empowered.
Join News24 today
heading
description
username
Show Comments ()
Voting Booth
President Cyril Ramaphosa will sign the National Health Insurance Bill into law this week.
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
At last. The NHI will improve healthcare for all South Africans.
28% - 4235 votes
Cheap politicking before the election. Challenge the Bill in court.
35% - 5314 votes
I don't have strong feelings about the NHI either way.
37% - 5725 votes
Vote
Rand - Dollar
18.33
-0.8%
Rand - Pound
23.29
-0.0%
Rand - Euro
19.97
-0.0%
Rand - Aus dollar
12.29
-0.0%
Rand - Yen
0.12
-0.0%
Platinum
1,094.50
0.0%
Palladium
1,011.50
0.0%
Gold
2,414.25
-0.1%
Silver
31.49
+0.1%
Brent Crude
83.98
+0.9%
Top 40
73,214
0.0%
All Share
79,531
+0.0%
Resource 10
63,559
+2.2%
Industrial 25
110,578
-1.0%
Financial 15
17,183
-0.2%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE