Uchuku! Yintoni uchuku? Amaxesha amaninzi abantu bazifumana betyholwa ngokuba nochuku. Nam ndingomnye wabo. Kodwa ke lonto ayindihluphi nakancinci. Nayo nayiphi into ethethwa ngomnye umntu ngam ingena ngapha iphume ngapha, ngoba luluvo lwakhe, kwaye andikwazi kulutshintsha.
Kutshanje ndimamele ngomdla ingxoxo phakathi kwabahlobo ababini, bekhalaza ngomntu onochuku. Emva kokumamela ixesha elidana, ndithe gxuphu okwempukane etini ndabuza, yintoni etyhulu xa emntu esithi akavumelani okanye akayithandi indlela owenza ngayo izinto. “Hayi awumazi wena la mfo, yho unochuku. Ukhalaza oko,” yabuya isitsho impendulo.
Ndavalelisa ngelithi hayi noko ntozakuthi ingathi nimdlela indlala lo mfo. Xa into ingesiyiyo ayiyo ke. Akukho mntu unelungelo lokungena endaweni yam afike afune ukwenza unothanda alindele ukuba mandithule.
Ukuba umthetho wakwam uthi ngena uhlale phantsi okanye musa ukutya umile, andiqondi ukuba yingxaki leyo.
Eyona ngxaki kukuba abantu bathanda ukwenza izinto ngendlela ethandwa ngabo. Wamosha nje wabuza ukuba kutheni sele ungumntu ombi okanye onochuku. Xa ulundwendwe kulandlu yakuthi kumele ndikwamnkele ngezandla ezishushu, kodwa lonto ayithi yenza unothanda. Unelungelo lokubuza xa ungaqondi, khona ukuze sihlale ngoxolo. Kwaye ukuba into asiyiyo ayizujika ibeyiyo kuba inguwe. Hlonipha imithetho yakwam nendlela endenza ngayo izinto, nam ndihloniphe eyakwakho, asoze kubekho ngxaki.
Owona mngeni sijamelene nawo ngowokuba umntu nomntu unendlela yakhe yokwenza izinto. Kuthi ke xa kungenziwa ngohlobo lwakhe angakholwa. Kuthi ekungakholweni kwakhe akubone njengomntu onochuku xa uvakalisa ukunganeliseki kwakho. Manintsi amaxesha apho siye sityholwe ngochuku kuba abantu befuna ukuba kwenziwe izinto ngohlobo lwabo. Ndiqinisekile ukuba ayikho into eluchuku, ntonje sisokoliswa ngabantu abafuna ukwenza unothanda ngamaxesha onke okanye ezindaweni zabanye abantu.