Ukhululwe nge bheyile umama wabantwana ababini abatsha baluthuthu ngethuba belele kwikhaya labo kwindawo yamatyotyombe i-eMsindweni.
Ngokweengxelo, ezintsana zatsha zabhubha ngentseni yangoMgqibelo umhla we 13 kuTshazimpunzi. Iingxelo zihambisa zithi esi sibini, intombazana (eminyaka ili-10) kunye nenkwenkwe (eminyaka mihlanu), satsha ngethuba umama waso elahle umlenze, eshiya esitshixele etyotyombeni lakhe.
Esi sithwakumbe sashiya abamelwane nokuhlala kumatshekile. Ukanti umama wezintsana wanqakulwa wavalelwa kwisithuba seeyure ezimbalwa emva kwesehlo.
Emva kokuchitha iveki ezamla ngaphaya kwezitshixo kwintolongo yase Pollsmor, umama waba bantwana (ominyaka ingama 32) nojamelene nezityholo zokungabi nankathalo, ukhululwe ngebheyile yinkundla ka mantyi yaseKhayelitsha ngoLwesibini umhla wama 23 kule imiyo (Tshazimpunzi).
Usomlomo wamapolisa eHarare uKhonst Nosiphiwo Mntengwana uxelele iCity Vision ukuba umtyholwa uza kuphinda abuyele emaplangeni ngoLwesithathu umhla we 19 kweyeSilimela.
Ephefumla emva kwesi siganeko, othethela amapolisa ephondweni uLt-Col Malcolm Pojie uhambise wathi unobangela wesiganeko awaziwa, watsho engqina iminyaka yamaxhoba.
“Ngokophando kuvakele ukuba umama waba bantwana baswelekileyo ebengekho ngelixa bekusitsha ebeye kumhlobo wakhe. Uye watsalelwa umnxeba ngabamelwane ukuzama ukumazisa ngesi sehlo. Abantwana batshe kwade kwanzima nokubafanisa,” uhambise watsho uPojie.
Omnye wabamelwane bamaxhoba uBongiwe Wana uthe ngexesha ubuqala umlilo ebelele. Uthe uve ngengxolo yabantu abagqithayo bekhwaza besithi kuyatsha.
“Ndiye ndaphuma phandle ndabe ndiwubona umlilo ukude kufuphi kwam. Ndiye ndasondela. Ekufikeni kwam ndifike abantu bebukele ndabe ndisiva isikhalo sabantwana ngaphakathi ehokini. Ndithe xa ndithi mayiwiswe omnye wabamelwane akavuma wathi izowela ehokini yakhe. Ndithe xa ndithi kwabanye abafana mabayichithe nabo abafuna bathi iyatshowukha,” ubalise watsho.
Uthe ngalo lonke eloxesha umama wezintsana ebengekho, ufike sele kucinywe nomlilo emva kokuba emtsalele umnxeba wamchazela ukuba kuyatsha.
Utyhole ngelithi umama wesi sibini ushiye esitshixele ngethuba endwendwele isinqandamathe sakhe. “Uthe akufika weva ukuba abantwana batshe babhubha bonke wawa. Ndiye ndamthatha ndayokubeka kweyam ihoki,” uthethe watsho uWana.
Waleke ngelithi umama wesi sibini akanazihlobo kula ngingqi kodwa usamgcine kule yakhe ihoki.
u-Wana uqhube wathi okwalomzuzu akukaziwa ukuba kuzakungcwatywa nini ngoba kusalindwe iziphumo zolibo fuzo (DNA), kwaye nabo basaqokelela iisenti ukuzama ukuhlawula iindleko ze DNA ukuze ikhawuleze.
Uceba kaWadi 96 uLucky Mbiza uchaze esi sehlo nanje ngesibuhlungu nesothusayo. Uye wathembisa ukuba uzakwenza inzame ukuba kufumaneke imali yeDNA khona ukuze ikhawuleze yenziwe ukuze kungcwatywe ngokukhawuleza.
“Nam ndizokhe ndizama ndicele amalizo khona ukuze kukhawuleze kungcwatywe. Ndikwabongoza nabanye abantu kunye noosomashishini ukuba bancedise apho bakwazi khona,” uthethe watsho uMbiza.